90% found this document useful (10 votes)
6K views

Watsha Umzi

The document discusses life in an African village and the challenges faced by mothers. It mentions how Europeans took the land and people's rights. Mothers now have to walk long distances to their fields. The document calls for unity and protecting African culture and heritage.

Uploaded by

isenathifekisi1
Copyright
© © All Rights Reserved
We take content rights seriously. If you suspect this is your content, claim it here.
Available Formats
Download as PDF, TXT or read online on Scribd
90% found this document useful (10 votes)
6K views

Watsha Umzi

The document discusses life in an African village and the challenges faced by mothers. It mentions how Europeans took the land and people's rights. Mothers now have to walk long distances to their fields. The document calls for unity and protecting African culture and heritage.

Uploaded by

isenathifekisi1
Copyright
© © All Rights Reserved
We take content rights seriously. If you suspect this is your content, claim it here.
Available Formats
Download as PDF, TXT or read online on Scribd
You are on page 1/ 3

WATSHA UMZI

Umongo ngomhlathi

Umzi we- Afrika ungenelwe ngabantu abathi bezisa ukukhanya, kanti bazokutshabalalisa
iziseko zobuni bamaXhosa. Abantu mabayeke ukuthula ngokungathi ababoni.

Ngenxa yokuba abeLungu bethathe imihlaba yethu, bathathe namalungelo abantu. Oomama
kufuneka baphathe amapasi xa besiya ebayenini bawo. Sisikhalo uNontsizi asenza ngokuthi
siyahlazeka. Ngaphezulu, ukudludla nempucuko kusihlanganise neengxaki sazibona
sesingamaxhoba okohluthwa umhlaba, ukuqonda ubuni bethu, salahla okwethu, ngoku lixesha
lokuba oomama baphakame bamanyane.

Kwakhona, iyakhathaza eyabantu abathe ngokwamkela ubuKristu babamkele balahla izithethe


zikaNtu. Ngaphezulu abantu banikezele ngoThixo wabo kubeLungu. NgokukaNontsizi, ilizwe
lembethwe ngamashwa sesi senzo. Uhlaba ikhwelo komama ngelithi lihlazo lomzi eli alibonayo
ngakumbi kuba ootata ababonakalisi kwenza nto ngale ngxaki. Uvakalisa ithemba ngokunika
icebo lokuba kuyiwe eDekapolis apho impilo ifumaneka khona ngokwasebhayibhileni.

Umxholo walo mbongo:

Impucuko nolwazi olwamkelwa lungahluzwa luyabuhlutha


ubuni besizwe.

Injongo

Kukugxeka iinkokheli zorhulumente wengcinezelo


ngokuthengisa okanye ukunanisa ngenkcubeko, iinkolelo
ze-Afrika ze asinunuse ngempucuko engasiphathelanga
lutho elizweni lethu

Kukumemelela ungenelelo loomama kwingxubakaxaka yelizwe.

Imfundiso:

Isifundisa ukuxabisa nokukhathalela okukokwethu


singakuyeki kumke namasela okanye abarhwaphilizi
sijongile, koko sizame ukukulondoloza.

Uthi masimanyane kuba umanyano lwakuyoyisa imiqobo


yotshaba
Masigcine iinkolo, nenkcubeko yethu.
Kusenzakalisile ukulahla inkolo nenkcubeko yethu.
Isigama (chonga Isafobe Intsingiselo Umsebenzi
isafobe) (Thiya/udidi) ngcalo/ngokomxholo waso/ukuchaneka.
Okwenyoka Isifaniso Ukufanisa izenzo Kukufanisa izinto
yomhlaba zabamhlophe ezimbini
nezenyoka yomhlaba ngokuphuhlileyo
kusetyenziswa
u’njenge-,okwe-,
ngathi njalo njalo.
Luphawu Isikweko Izenzo ezifana nezenzo Isikweko sisifaniso
lukaKhayeni zikaKhayeni esithi le nto ifaniswa
iyile ifaniswa nayo
Ziphi na Umbuzo- Amaqhawe esizwe/ Ubethelela ukufuneka
iinkokhelikazi buciko angoomama. wabahlanguli
zeAfrika? abangoomama.
Wakhonkxwa na Umbuzo- Imikhoxelelwano Kudala umfanekiso
Afrika buciko esetyenziselwa ukupana ngqondweni
ngamakhamandela? umntu. wokuvaleleka
Iinkokeli zeAfrika kwintshukumo obe
ziyekelele ngathi zithiwe unokuyenza.
nkxi/ zibotshwe
ngamakhamandela
Bathini bona Umbuzo- Abantu abazihambelayo Udala umfanekiso
abadlula ngendlela? buciko indlela yabo bebukele ngqondweni wokucela
oko kwenzekayo uncedo.
Ngabantu bamanye
amazwe ababukele oku
kuyekelela kweenkokeli
zaseAfrika

10.6.2 Imifanekiso ngqondweni nemifanekiso ntekelelo

Imbongi isebenzisa isigama edala imifanekiso ngqondweni


nemifanekiso ntelekelelo ukudlulisa umyalezo wayo.

Umfanekiso Ulwimi/Isigama Umfanekiso ntelekelelo owudalayo


ngqondweni (Imizwa esisetyenziswayo umsebenzi wawo kukuqaqambisa loo
echaphazelekayo) nto imbongi ithetha ngayo.
Wendlebe ‘zatsho ngentsholo Wokuvakalisa intlungu malunga
iintombi emlanjeni.’ nokutshabalala kwelizwe.
Weliso ‘Watsha umzi.’ Wokutshabalala komzi ontsundu
kubukelwe kungekho ncedo.
Wempumlo ‘ …nalo ke ivumba.’ Wokufika kwento esikrobisa kwinto embi
ezayo.

Wokubona ‘ …nank’undlebende Wokubona abamhlophe besebenza


esenqweleni.’ nzima betshabalalisa ilizwe labamnyama.

10.6.3 Izixhobo Zesandi

Isixhobo sesandi Ulwimi/isigama Umsebenzi waso


Uphindaphindo oluthe …lukaKhayeni Ugxininisa ububi bezenzo
ngqo …njengoKhayeni zokungcolelana bengabekhaya
ngomzekeliso kaKhayeni.
Imvano siphelo Amaxesha obumnyama Kulo mbongo incedise
agqithile ukunikezelana kweengcinga
Neza mini zobudenge ziphelile

Ithoni nomoya

Ithoni

Imbongi ibonakala ihlaba ikhwelo ngenxa yokudakumba kwayo


ngesenzo sabamhlophe kanti nesababamnyama sokusonga izandla
benze ngathi ababoni bebona.

Balibele lulonwabo, batyeshela neziyalo neengcebiso zikaNtsikane,


abanye besetyenziswa bencedisa abamhlophe ekutshabalaliseni
ilizwe.

Ngokwesigama esisebenzisileyo njengombuzo buciko icela uhoyo


kwabadlula ngendlela ngesi simo selizwe, noMaxeke angenelele
ngokunqandela abafazi abenzakeleyo.

Imbongi iphinda isebenzise uKhayeni ngelivuselela izazela zaba


basetyenziswayo ukuba bangabulali boowabo.

Umoya

Imbongi isenza sicaphuke ukuze sivule amehlo sikhuthazeke sitsho


sithathe inxaxheba ekukhuseleni ilizwe labamnyama ngokumanyana
sibeyimbumba yamanyama

Isakhiwo sangaphandle

 Lo mbongo unezitanza ezilishumi elinesihlanu.


 Istanza ngasinye sinemiqolo emine ngaphandle kwesitanza
soku-1 sinemiqolo emi-3.

Udidi lombongo

Ngumbongo sikhalazo ngokungaziboni iinjongo ezikhohlakeleyo


zabamhlophe, nokutyeshela iingcebiso zaba bazibonayo, ekhuthaza
ngelithi makumanywane.

You might also like